Jeremiah 48:45 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abasabileyo bema bengenamandla emtunzini we‐Heshebone; koko kupumile umlilo e‐Heshebone, nelangatye kwa pakati kwe‐Sihone, odlileyo amacala ase‐Mowabi, nokakai lwonyana bempitimpiti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phantsi komthunzi weHeshbhon kuya kuma abasabi abangenamandla; ngokuba kuya kuphuma umlilo eHeshbhon, nelangatye phakathi kwaSihon, udle ummandla wakwaMowabhi nokakayi lwabengxolo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abo basabileyo bema phantsi komthunzi weHeshbhon ngenxa yamandla, kodwa kuya kuphuma umlilo uvela eHeshbhon nedangatye phakathi kukaSihon, litshise imbombo yakwaMowabhi neentloko zabo bacaphukileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Iimbacu zema emathunzini eHeshbhon zityhafile, kuba kusuke kwaqhambuka umlilo kuloo Heshbhon. Kulenya amadangatye kwaSihon; atshisa ibunzi labakwaMowabhi, nokhakayi lwabaqhankqalazi abenza ingxolo.