Jeremiah 48:46 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima kuwe, Mowabi! abantu baka‐Kemoshe batshabalele; ngokuba onyana bako besuselwe ekutinjweni, nentombi zako ekutinjweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, wena Mowabhi! Batshabalele abantu bakaKemoshe, ngokuba, oonyana bakho baya kuthatyathwa bethinjiwe, neentombi zakho zisiwe ekuthinjweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha, wena Mowabhi! abantu bakwaKamoshe batshabalele, ngenxa yokuba oonyana bakho baye bathinjwa, neentombi zakho zisiwe ekuthinjweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yehaa kuwe, Mowabhi! Batshabalele abantu bakaKemoshe, kuba umlisela nomthinjana wakho usiwe ekuthinjweni.