Jeremiah 48:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngenxa yokutemba kwako emisebenzini yako nasezindyetyeni zako, uya kubanjwa nawe: no‐Kemoshe yena uya kumka aye ekutinjweni, abaperisite bake nenkosana zake kwa kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa enokuba ukholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe, ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba ukholose ngezenzo zakho nangobutyebi bakho, nawe uya kuthinjwa; yaye uKemoshe uya kuya ekuthinjweni nababingeleli bakhe neenkosana zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yokuba uthembele ngamandla nobutyebi bakho nawe uza kubanjwa, aze uthixo wakho uKemoshe athinjwe, yena kunye nababingeleli namagosa akhe.