Jeremiah 49:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGALO usapo luka‐Hamoni. Utsho uyehova ukuti: u‐Sirayeli akanabo onyana na? akanayo indlalifa na? Kuyinina ukuba ukumkani walo uyalidla ilifa lika‐Gadi, nokuba abantu bake bahleli ezixekweni zake?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokusingisele koonyana baka-Amon, utsho uYehova ukuthi:USirayeli akananyana na, akanandlalifa na? Yini na ukuba ukumkani wabo amdle ilifa uGadi, abantu babo beme emizini yakhe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoonyana baka-Amon, utsho uYehova ukuthi, uSirayeli akananyana na? akanayo na indlalifa? Ngoko kwakutheni ukuze ukumkani wabo athabathe uGadi aze abahlalise abantu bakhe ezixekweni zakhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Malunga noAmon *uNdikhoyo utsho ukuthi: “Akananyana na uSirayeli? Akanandlalifa na? Kutheni uMilikom elithimbile ilifa likaGadi? Kutheni iidolophu zakwaGadi zimiwe ngabantu bakaMilikom?”