Jeremiah 49:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko mna ndiya kuhluba u‐Esau, ndiya kutyila indawo zake ezifihlakeleyo, ade akohlwe kukuzimela; inzalo yake yocitakaliswa, nabazalwana bake, nabamelwane bake, ade yena angabiko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba mna ndimhlubile uEsawu, ndizityhilile iindawo zakhe ezisitheleyo, angabi nako ukuzimela. Imbewu yakhe iya kubhuqwa, abazalwana bakhe nabamelwane bakhe abakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba mna ndimtyhilile uEsawu, ndizithiyile iindawo zakhe ezisitheleyo, angabi nako ukuzimela; Abantwana bakhe baphangiwe, nabazalwana bakhe nabamelwane abakunye naye, kwaye akakho apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa mna ndiya kumhluba konke anako uEsawu, ndimkhuphulule kwezo ndawo azimele kuzo, angabi nako tu ukufihlakala. Uya kucinywa igama yena nenzala yakhe, angabi saba nabo abazalwana nabamelwane.