Jeremiah 49:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Bona ke, abo, abakugwetywa bekungekuko okwokusela kwindebe, baselile okunene; nawe ke, unguye oya kuka apatwe njengongenatyala na? Akuyi kupatwa njengongenatyala, koko uya kusela ngokwenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ababengenalungelo lakuyisela indebe, inene baya kuyisela; wena ke ungoya kuba msulwa, ube msulwa na? Akuyi kuba msulwa, ngokuba inene uya kusela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ababengenalungelo lakuyisela indebe, mabasele; kanti nguwe oya kuhamba ungohlwaywa? akuyi kuba yimfuneko kuwe, kodwa inene uya kusela kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Niyabona, kwanâbo bakhangeleka ngathi abakufanelanga ukohlwaywa, nabo bayayisezwa indebe yengqumbo yam. Wena ke ubuya kuthini ukuphoswa sisibetho? Inene, nawe uya kuyisela loo ndebe.