Jeremiah 49:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndizifungile mna, utsho uyehova, ukuba i‐Botsera yoba yinto yokutelwa nqa, n esigxekwa, n enxuwa, nesiqalekiswa; nazo zonke izixeko zayo zoba ngamanxuwa ngonapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndizifungile mna, utsho uYehova, ndathi, IBhotsera iya kuba ngummangaliso, nesingcikivo, nenxuwa, nentshabhiso;nemizi yayo yonke ibe ngamanxuwa angunaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndizifungile mna, utsho uYehova, ndathi, iBhotsera iya kuba linxuwa, nento edelekileyo, nentshabalalo, nentshabhiso; kwaye zonke izixeko zakhe ziya kuba yinkangala ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndifunga iGama lam,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “IBhozera iya kuba sisothuso, nehlazo, nentshabhiso, nesiqalekiso, yona needolophu zayo zonke zibe ngamanxuwa ngonaphakade.”