Jeremiah 49:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengasekucitweni kwe‐Sodome, ne‐Gomora, n ezixeko ezimelene nazo, utsho uyehova, akuyi kuhlala kona namnye umntu, akuyi kupambukela kuyo namnye unyana womntu kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Njengoko kwabanjalo ekubhukuqekeni kweSodom neGomora nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala mntu khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kanye njengoko yatshatyalaliswayo iSodom neGomora nezixeko ezingabamelwane, utsho uYehova, akuyi kuhlala mntu khona, makungahlali mntu khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nqwa nokubhukuqwa kweSodom neGomora needolophu ezingqongileyo kuya kuba njalo ukubhukuqwa kwelamaEdom – akuyi kuba sabakho bani uhlala khona, kungabikho kwamphambukeli apho.” Utsho uNdikhoyo.