Jeremiah 49:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, uya kunyuka njengengonyama ekukukumaleni kwe‐Yoredane ngakuyo intlalo enamandla; ngokuba ngepanyazo ndiya kumbalekisa kuyo: kodwa ngubanina umnyulwa endiya kummisela ngakuyo? ngokuba ngubanina ofana nam? ngubanina noya kundibekela ixesha? ngubanina nomalusi lowo oya kuma ebusweni bam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, utshaba luya kunyuka njengengonyama ephuma ekweneni kweYordan, luye ekhayani eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo; osukuba enyuliwe, ndimenzele umveleli; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, utshaba luya kunyuka njengengonyama, luphume eYordan emlanjeni, luye ekhayeni lamagorha; ndosuka ndimbaleke kwaoko; ngubani na ke umnyuliweyo, endinokuthi ndimwise? ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundinika ixesha? Nguwuphi na umalusi onokuma phambi kwam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo aseJordan, isiya emadlelweni ahlala eyokozela, kuya kuba njalo ukumgxotha kwam ngephanyazo kwelakowabo uEdom. Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku? Kakade ngubani na onjengam onokumelana nam, ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?