Jeremiah 49:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko amadodana aso aya kuwa ezitarateni zaso, nawo onke amadoda okulwa aya kubujiswa ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko aya kuwa amadodana ayo ezitratweni zawo, amadoda onke okulwa athi shwaka ngaloo mini; utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko amadodana akhe aya kuza ezintendelezweni zakhe, atshabalale onke amagorha ngaloo mini; utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inene, amadodana aso aya kuwa ezitalatweni; onke amajoni aso aya kuthi cwaka ngaloo mini.” Ewe, nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke; uthi: