Jeremiah 49:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intente zawo nemihlambi yawo baya kuzitabata; izikuselo zawo, nayo yonke impahla yawo, nenkamela zawo baya kuzisusa zibe zezabo: aeya kudanduluka ngenxa yabo, esiti: Isoyikiso singamacala onke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iintente zabo nemihlambi yabo boyithabatha; namalengalenga abo, neempahla zabo zonke, neenkamela zabo, bozisusa zibe zezabo; bamemeze kubo, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iintente zabo nemfuyo yabo bozithabatha; bawathabatha amalaphu abo entente, neempahla zabo zonke, neenkamela zabo; baya kuthi kubo, Sifikelwe kukoyika;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ziya kuthinjwa iintente zabo nemfuyo yabo, kumkiwe nemikhusane yabo nempahla esezintenteni zabo, nditsho kwaneenkamela zabo. Kuya kumemezwa kubo kuthiwe: ‘Lunxunguphalo macala onke!’