Jeremiah 49:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lila, Heshebone! ngokuba i‐Hahai icitakalisiwe; kalani, nina zintombi zase‐Raba! binqani ngentlakantlaka; yenzani isijwili, nisukasuke ngasezindongeni; ngokuba ukumkani walo esiya ekutinjweni, abaperisite bake nenkosana zake kwa kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bhomboloza, Heshbhon, ngokuba ibhuqiwe iAyi; khalani, magxamesi aseRabha, bhinqani ezirhwexayo; mbambazelani niququzele kunye ezintangweni; ngokuba ukumkani wayo uya kuthinjwa, kunye nababingeleli bakhe nabathetheli bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lila, Heshbhon, ngokuba ibhuqiwe iAyi; khalani, zintombi zaseRabha, bhinqani iingubo ezimnyama; khalani nibaleke niye ezindongeni; ngokuba ukumkani wabo uya kuthinjwa, kunye nababingeleli bakhe nabathetheli bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yenza isijwili, wena Heshbhon, kuba iAyi ibhuqiwe. Khalani, zilali zaseRabha; bhinqani ezirhwexayo nizile. Zula-zulani nididekile, kuba uMilikom uya kuthinjwa, nditsho yena kunye nababingeleli neziphathamandla zakhe.