Jeremiah 49:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Inkamela zaso zoba yimpango, nesihlwele senkomo zaso soba lixoba; ndandiya kucitela kuyo yonke imimoya abo banqanyulwe amancam odevu; nembujiswa yabo ndoyivelisa kuwo onke amacala elizwe labo, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iinkamela zabo maziphangwe, ingxokolo yemfuyo yabo ibe ngamaxhoba, ndibachithachithe kwimimoya yonke onquthula-iinwele, ndibazisele ukusindeka, kuphuma kumacala onke; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iinkamela zabo ziya kuphangwa, nemfuyo yabo eninzi iya kuphangwa; ndiya kubachithachitha abasemacaleni kuyo yonke imimoya; yaye ndiza kuyizisa intshabalalo yabo macala onke,” utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iinkamela zabo ziya kuphangwa, imihlambi yabo ngobuninzi bayo ibe lixhoba. Ndobachitha-chitha baphetshethwe ngumoya abo banwele zichetyiweyo ezintlafunweni. Ndobahlisela ishwangusha macala onke.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.