Jeremiah 49:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ne‐Hatsore yona yoba yindawo yokuhlala yempungutye, n enxuwa kude kube ngunapakade: akuyi kuhlala kona namnye umntu, akuyi kupambukela kuyo namnye unyana womntu kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
IHatsore iya kuba sisikhundla seempungutye, kube senkangala kude kuse ephakadeni. Akuyi kuhlala bani khona, kungaphambukeli nyana womntu khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iHatsore iya kuba lilizwe leempungutye, ibe yintlango ngonaphakade; akuyi kuhlala mntu khona, yaye akuyi kuhlala mntu khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“IHazore iya kuba sisikhundla soodyakalashe, kube senkangala kude kube nini-nini. Akuyi kuhlala bani khona, kungabikho mntu uphambukela apho.”