Jeremiah 49:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kuzisa imimoya emine ngakuyo i‐Helami ivela kuwo amancam amane ezulu, ndibacitele kuyo yonke lemimoya; akuyi kubako nasinye isizwe apo bangayi kuza kona abagxotiweyo base‐Helami.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndiya kulizisela elakwaElam imimoya emine ephuma eziphelweni ezine zezulu, ndibachithachithe kuloo mimoya yonke, kungabikho luhlanga bangayi kufika kulo abaziindlodlo zakwaElam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuzisa kwaElam imimoya yomine evela kwiimbombo zone zezulu ndize ndibachithachithe kuyo yonke loo mimoya; yaye akuyi kubakho luhlanga bangayi kufika kulo abathinjwa bakwaElam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ElakwaElam ndiza kulizisela imimoya yomine ephuma macala onke. Ndobachitha-chitha kuloo mimoya yonke, kungabikho luhlanga bangafikiyo kulo abachithiweyo bakwaElam.