Jeremiah 49:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kumatisa o‐Helami ebusweni bentshaba zabo, nasebusweni babo bafunayo ubomi babo; ndandiya kuzisa pezu kwabo ilishwa, ubushushu bengqumbo yam, utsho uyehova; ewe, ndiya kutuma emva kwabo isiṙele, ndide ndibagqibe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndomqhiphukisa umbilini uElam phambi kweentshaba zakhe, naphambi kwabafuna imiphefumlo yabo; ndibazisele ububi, ukuvutha komsindo wam; utsho uYehova. Ndothuma emva kwabo ikrele, ndide ndibagqibe,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndomqhiphukisa umbilini uElam phambi kweentshaba zakhe, naphambi kwabafuna imiphefumlo yabo; ndibazisele ububi, ukuvutha komsindo wam, utsho uYehova; yaye ndiza kuthumela ikrele emva kwabo ukuze libatshabalalise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndowenza amaElam ankwantye akuqubisana neentshaba ezizungula ubomi bawo, ndowahlisela intlekele ukuvutha komsindo wam.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndowaleqa ngekrele, ndide ndiwagqibe.