Jeremiah 49:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwako isoyikiso, itsho inkosi, uyehova wemikosi, sivela kubo bonke abakungqongayo; naniya kugxotwa, abanye ngabanye besiti ngqo, kungayi kubako namnye obuta abadungudelayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndiya kukuzisela unkwantyo, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, luphuma kwabangeenxa zonke kuwe; nigxothwe, elowo angabheki nokubheka, kungabikho ungababuthayo abaphalaphalayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ndiya kukuzisela unkwantyo, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ngenxa yabo bonke abangeenxa zonke kuwe; nigxothwe elowo kuni kwakanye; yaye akukho bani uya kubabutha ababhaduli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona, ndiza kunihlisela unkwantyo luvela kubantu abaningqongileyo.” Lowo ngumlomo weNkosi uNdikhoyo onamandla onke. “Niya kuchitha-chithwa, elowo asabe ngeyakhe indlela, kungabikho bani uzihlanganisayo iimbacu.