Jeremiah 49:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sabani, jikani, ngxokani ukuhlala, nina bemi base‐Dedane! ngokuba imbujiswa ka‐Esau ndiya kuyizisa pezu kwake, ixesha endiya kumohlwaya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sabani, jikani, hlalani enkolontyweni, bemi bakwaDedan;ngokuba ukusindeka kwakhe uEsawu ndimzisele, ixesha lokumvelela kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sabani, jikani, hlalani enkolontyweni, bemi bakwaDedan; kuba ndiya kumzisela intlekele uEsawu ngexesha lokumxabela kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jikani nisabe, nizimele kwimiqolomba emnyama, nina bemi bakwaDedan. Ndiza kumhlisela ishwangusha uEsawu, kuba lifikile ixesha lokuba ndimohlwaye.