Jeremiah 5:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sukasukani ezitarateni ze‐Yerusaleme, nikangele ke, nazi, nifune ezinkundleni zayo, ukuba ningafumana umntu na, ukuba kuko na owenzayo okufanelekileyo, ofunayo inyaniso, ndandiya kuyixolela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa:ndoyixolela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, yazini, nibugocagoce ububanzi bayo, ukuba nomfumana na, ukuba ukho na owenza okusesikweni, ofuna ukunyanisa; kwaye ndiya kukuxolela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthi *uNdikhoyo: “Zityhutyheni izitalato zeJerusalem, nikhangele nigqale, nizigocagoce iindawo zembutho, nibone ukuba ngaba kukho mntu na olilungisa nonyanisekileyo. Ukuba ngaba ukho nokuba mnye ndoyixolela.