Jeremiah 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova, utixo wemikosi, ukuti: Ngenxa yokuba niteta elilizwi, bona ke, ndiya kuwenza amazwi am emlonyeni wako umlilo, nabantu aba inkuni, wauya kubadla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ekubeni ulithethileyo elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi omlomo wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngako oko utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke ukuthi: “Ngenxa yentetho yabo enje, amazwi am ndiza kuwenza abe ngumlilo emlonyeni wakho, bona aba bantu batshiswe nguloo mlilo okweenkuni.