Jeremiah 5:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwenu isizwe sivela kude, ndlu ka‐Sirayeli! utsho uyehova; isizwe esinamandla, isizwe esisesakudala, isizwe esinteto ungayi kuyazi, nento siyitetayo akuyi kuyiva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, ndinizisela abantu bakude, nina bendlu kaSirayeli, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo ukuba luthetha ntoni na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“MaSirayeli, ndinizisela uhlanga oluvela kude.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Luhlanga lwamandulo olomeleleyo, oluntetho ningayivayo, kuba ningayazi.