Jeremiah 5:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nakutsho ukuti: Kungenxa yanina asenzela zonke ezi zinto uyehova, utixo wetu? uya kwandula uti kubo: Njengokuba nishiyile mna, nakonza otixo basemzini elizweni lenu, kwa njalo niya kukonza abasemzini elizweni elingelelenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? uze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ukuba nithi: “Kutheni uYehova, uThixo wethu, esenzela zonke ezi zinto? Wathi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa besithi: ‘Kungani ukuba uNdikhoyo uThixo wethu asiphathe kanje?’ uze uthi kubo: ‘Njengoko nani benikreqile kuNdikhoyo, nanqula oothixo basemzini ezweni lakowenu, ngokukwanjalo ke niza kukhonza iintlanga kweleentlanga.’ ”