Jeremiah 5:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aniyi kwoyika mna na? utsho uyehova; aniyi kungcangcazela ebusweni bam na, ondibekileyo intlabati ibe ngumda wolwandle, ngommiso ongunapakade, ukuba lungagqiti kuyo? ewe, nakuba amaza alo azamazama, akangeyise; nangona agqumayo, akangegqite kuyo noko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungawugqithiyo? Ayalatyuza amaza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anindoyiki na? utsho uYehova. Aniyi kungcangcazela na phambi kwam, mna ndayibeka intlabathi elunxwemeni lolwandle, ngomthetho ongunaphakade, ukuba ningaweleki kuwo? ukuba zithe zigquma, aziyi kucanda na khona?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngani ningandoyiki nje?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ngani ningankwantyi nje bubukho bam? Indim nje owabeka intlabathi yangumda wolwandle, umqobo olungasoze luwudlule naphakade. Nditsho nokuba seledloba egquma amaza, akasoze awugqithe.