Jeremiah 5:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kufunyanwa pakati kwabantu bam abakohlakeleyo; bayalalela, njengokuncatama kwabatiyeli; bayabeka umgibe, bayabamba amadoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam;bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba phakathi kwabantu bam kufunyanwa abantu abangendawo; babeka isibatha, babambisa abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kukho izikhohlakali phakathi kwabantu bam. Zizinto ezilalelayo okwabathiyeli-zintaka; zigcayisela abantu.