Jeremiah 5:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yehova! amehlo ako akapezu kwayo inyaniso na? ubabetile, kodwa abavanga ubuhlungu: ubagqibile, kodwa balile ukwamkela ululeko; benzile ubuso babo bube lukuni pezu kwolwalwa, balile ukubuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yehova, amehlo akho akajonge ekunyaniseni, yini na?Uyababetha, abevi ntlungu; uyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, abavumi ukubuya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, ngaba amehlo akho akamiliselwe enyanisweni? Wababetha, ababi buhlungu; Wabatshabalalisa, abavuma ukohlwaywa; babenza lukhuni ubuso babo njengelitye; abavuma ukubuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba, Ndikhoyo, emntwini akukhangeli ntembeko na? Wabohlwaya, abeva noko. Wababetha kabuhlungu bayimangala ingqeqesho. Bayinyengane ngeenkani; abavumi kuguquka.