Jeremiah 5:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ingonyama yasehlatini yobabulala; incu̔ka yokuhlwa yobacita; ingwe yolalela ngakuzo izixeko zabo; bonke abapuma kuzo baya kuqwengwa: ngokuba izigqito zabo zininzi, n empambuko zabo ziyinto enkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko iya kubabulala ingonyama yehlathi, ibaqweqwedise nengcuka yangokuhlwa; Ingwe yolinda imizi yabo; bonke abaphuma khona baya kuqwengwa; ngokuba buninzi ubugwenxa babo namasikizi abo anda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke bohlaselwa yingonyama, ingcuka ibatsho babe ngamaswili, kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo. Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandle lobathi qwenge-qwenge. Kaloku benze uvukelo, baphikela ukumfulathela uThixo.