Jeremiah 50:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
udanile unyoko wenu kakulu; lowo owanizalayo unentloni; bona ke, esokupela kwezizwe siyintlango, ilizwe elomileyo, nobala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uya kudana kakhulu unyoko; uya kuba neentloni onizalayo.Yabonani, olokugqibela ezintlangeni luya kuba yintlango, umqwebedu, inkqantosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uya kudana kakhulu unyoko; uya kuba neentloni lowo wakuzalayo; yabona, isiphelo seentlanga siya kuba yintlango, umhlaba ongumqwebedu, nenkqantosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uya kuba neentloni gqitha unyoko iBhabheli; uya kuhlazeka onizeleyo. Niyabona, uya kuba ngowokugqibela ezintlangeni – intlango, umqwebedu, inkqantosi.