Jeremiah 50:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Memezani ngakuyo ngento engqongayo; inikile isandla sayo; imisekelo yayo iwile, indonga zayo zicitiwe; ngokuba yimpindezelo kayehova le, pindezelani pezu kwayo; njengokuba yenzile yona, nenje njalo kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Dumani ngayo ngeenxa zonke; izinikele; ziwile iingqoqo zayo, zidilikile iindonga zayo; ngokuba yimpindezelo kaYehova.Phindezelani kuyo; njengokwenza kwayo, yenzani kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Dumani ngayo kuyo yonke indawo; wanikela isandla sakhe; ziwile iziseko zayo, zidilikile iindonga zayo; ngokuba yimpindezelo kaYehova; phindezelani kuye; yenzani kuye njengoko enze ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hlabani umkhosi macala onke! Iyanikezela – iinqaba zayo ziwile; iindonga zayo zidiliziwe. Yimpindezelo kaNdikhoyo le; phindezelani ke kuyo, nenze kuyo njengoko nayo yenze kwabanye.