Jeremiah 50:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngaleyomihla, nangeloxesha, utsho uyehova, kungafunwa inkohlakalo ka‐Sirayeli, kodwa yoba ingeko, nezono zika‐Juda, kodwa aziyi kufunyanwa; ngokuba ndiya kuxolela abo ndibasalisayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli, bungabikho; nezono zikaYuda zingafumaneki; ngokuba ndiya kubaxolela endibasalisileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, buya kufunwa ububi bukaSirayeli, bungabikho; nezono zakwaYuda zingafunyanwa, ngenxa yokuba ndiya kubaxolela abo ndibagcinayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mihla nangelo xesha,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli, kodwa bungabikho; ziya kufunwa nezono zikaJuda, kodwa zingafumaneki. Kaloku ndiya kuwaxolela loo masalela ndiwasindisayo.