Jeremiah 50:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngakulo ilizwe le‐Meratayime, nyuka ngakulo, nangakubo abemi base‐Pekodi; citakalisa ulahlele ekutshatyalalisweni emva kwabo, utsho uyehova, wenze ngako konke endikuyaleleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilizwe lakwaNkani-ziphindwe-kabini, nyuka uye kulo kanye, kubemi belakwaKohlwaywa; bharhisa usingele phantsi emva kwabo, utsho uYehova; wenze ngako konke endakuwisela umthetho ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyuka uye kwilizwe laseMeratayim ukuze ulwe nalo, nakubemi basePekodi; nibatshabalalise, nibatshabhise ngesiqalekiso, utsho uYehova; nenze njengoko ndaniwiselayo umthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Lihlasele ilizwe laseMeratayim nabemi basePekode; babulale ubatshabalalise ngokupheleleyo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Kwenze konke endikuyalele kona.