Jeremiah 50:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndakutiyela, waṙinciswa kanjako, Babilone! kodwa wena ubungakwazi oko; wabufunyanwa, wabubanjwa kanjalo, ngokuba ubusilwa noyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndikuthiyele, wabanjiswa nokubanjiswa, Bhabheli, ungazi ke wena; ufunyenwe, wathinjwa nokuthinjwa, ngokuba ulwe noYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndikubekele isibatha, wabanjiswa, wena Bhabheli, ungazi; wafunyanwa, nawe wathinjwa, ngokuba ulwe noYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndikuthiyele, Bhabheli, wabanjiswa ungaqondi. Ufunyenwe, wabhajiswa, kuba uchasene noNdikhoyo.