Jeremiah 50:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sikani zonke inkabi zayo, mazihlele ekuxe̔lweni; kwoba nzima kuzo, ngokuba imini yazo ifikile, ixesha lokwohlwaywa kwazo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hlabani zonke iinkunzi zalo ezintsha zeenkomo;mazithotyelwe ekuxhelweni, Yeha ke bona! Ngokuba iyeza imini yabo, ixesha lokuvelelwa kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zibulaleni zonke iinkunzi zalo ezintsha zeenkomo; mabehle baye kuxhelwa nje; yeha kubo! ngokuba ifikile imini yabo, ixesha lokuvelelwa kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zigwazeni zonke iinkokheli zayo; mazibe ngathi ziinkunzi ezixhelwayo. Yeha ke, bona! Imini yabo ifikile; ixesha labo lokohlwaywa ligalelekile.