Jeremiah 50:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bizani abatoli ngakuyo i‐Babilone, bonke abatyeda isipeta; yiṙaule ngokunqonga, kuze kungabiko kuyo ukusinda; yivuze njengokwomsebenzi wayo; njengako konke ikwenzileyo, yenzani njalo kuyo: ngokuba yenzile nger̔atshi ngakuye uyehova, ngakuye oyingcwele ka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli, bonke abatyedi besaphetha; yingqingeni ngeenxa zonke. Makungabikho usindayo; yivuzeni ngokomsebenzi wayo; ngako konke eyakwenzayo, yenzani ngako kuyo; ngokuba ikhukhumele kuYehova, koyiNgcwele kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlanganiseleni eBhabheli abatoli besaphetha, bonke abatoli beentshaba, bayirhawule ngeenxa zonke; makungasindi nto; Mvuze ngokwemisebenzi yakhe; yenzani kuye njengoko wenza ngako, ngokuba eqhayisele kuYehova, koyiNgcwele kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli, bona bonke abatyeda isaphetha. Yingqingeni macala onke, kungabikho bani uphuncukayo. Yibuyekezeni ngokwezenzo zayo; yenza kuyo njengoko yona yenze kwabanye. Kaloku imdelile uNdikhoyo uYedwa kaSirayeli.