Jeremiah 50:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba sinyuka ngakuyo isizwe sivela enode, esiya kulenza ilizwe layo libe yingcitakalo, kude kungabiko ohlala kulo; kwa nabantu nezilo zisabile, zimkile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba kunyuke kweza kubo uhlanga lwasentla, oluya kwenza ilizwe labo kube senkangala, lingabi nammi, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kubalekwe kumkiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba abantu basentla basukele phezulu kulowo walenza kube senkangala ilizwe labo, kungamiwa mntu kulo; baya kuphuma bahambe, abantu neenkomo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ihlaselwe luhlanga lwasentla oluya kwenza ilizwe libe senkangala. Aliyi kumiwa bani – bobaleka bemke abantu kwanezilwanyane.