Jeremiah 50:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kuku̔beka oner̔atshi, awe nokuwa, angabi noya kumsukisa; ndandiya kupemba umlilo ezixekweni zake, oya kuzidla zonke indawo ezimnqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wokhubeka okhukhumeleyo, awe, kungabikho umvusayo;ndiphembe umlilo emizini yakhe, utshe ngeenxa zonke kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye abanekratshi baya kukhubeka bawe, kungabikho ubaphakamisayo; Ndiya kuphemba umlilo ezixekweni zakhe, umtshise macal’ onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo uzidlayo uza kukhubeka awe, kungabikho bani umvusayo. Ndiza kuphemba umlilo ezidolophini zakhe, utshise bonke abamngqongileyo.”