Jeremiah 50:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Iṙele lingakuwo amahashe ake, nangakuzo inqwelo zake, nangakubo bonke abantu abadityanisiweyo abapakati kwayo, babeya kuba ngabafazi; iṙele lingakuzo indyebo zayo, zaziya kupangwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ikrele maliwafikele amahashe ayo, neenqwelo zayo zokulwa, nomxukuxela wonke ophakathi kwayo, babe ngabafazi; ikrele malibufikele ubuncwane bayo, ukuba buphangwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ikrele lamahashe abo, neenqwelo zabo zokulwa, neempahla zonke ezikuwo; baya kuba njengabafazi; ikrele malibufikele ubuncwane bakhe; yaye baya kuphangwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ikrele maliwafikele amahashe neenqwelo, kwanawo onke amajoni engqesho ayo, asuke abe njengabafazi. Ikrele malibufikele ubuncwane bayo, busuke buphangwe.