Jeremiah 50:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko amaṙamncwa asentlango aya kuhlala nempungutye kona; inciniba ziya kuhlala kuyo nazo; yaingayi kubuya imiwe napakade; kanjako akuyi kuhlalwa kuyo kwisizukulwana ngesizukulwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko kuya kuhlala khona amarhamncwa omqwebedu neempungutye, kuhlale iinciniba khona, lingabi samiwa naphakade, lingabi sahlalwa izizukulwana ngezizukulwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko kuya kuhlala khona amarhamncwa asemathafeni, namarhamncwa eziqithi, kuhlale iinciniba khona; kwaye akuyi kubakho abemi ngonaphakade; kwaye akuyi kubakho mmi kwisizukulwana ngesizukulwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke ngoko iBhabheli iya kuba sisikhundla seengcuka noodyakalashe, ibe yindawo ehlala iinciniba. Ayisoze iphinde imiwe bantu, ingahlalwa bani izizukulwana ngezizukulwana.