Jeremiah 50:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngaleyomihla, nangeloxesha, utsho uyehova, usapo luka‐Sirayeli luya kuza, lona nosapo luka‐Juda kwa kunye; luya kuhamba lumana lulila, noyehova, utixo walo, luya kumfuna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, baya kuza oonyana bakaSirayeli kunye noonyana bakaYuda, behamba belila, baye bamquqele uYehova uThixo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, oonyana bakaSirayeli baya kuhamba kunye noonyana bakaYuda, balile; baya kuhamba baye kufuna uYehova uThixo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mihla nangelo xesha,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “abantu bakwaSirayeli nabantu bakwaJuda baya kuhamba kunye belila, befuna uNdikhoyo uThixo wabo.