Jeremiah 50:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, uya kunyuka njengengonyama ekukukumaleni kwe‐Yoredane ngakuyo intlalo enamandla; ngokuba ngepanyazo ndiya kubabalekisa kuyo: kodwa ngubanina umnyulwa endiya kummisela ngakuyo? ngokuba ngubanina ofana nam? ngubanina noya kundibekela ixesha? ngubanina nomalusi lowo oya kuma ebusweni bam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabonani, utshaba luya kunyuka njengengonyama, luphume ekweneni kweYordan, luye ekhayeni eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo, osukuba enyulwe, ndimenzele umveleli walo; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, utshaba luya kunyuka njengengonyama ephuma emanzini aseYordan, luye ekhayeni eliyingxondorha; ke kwaoko ndiya kubenza basabe ebusweni bakhe; ngubani na ke umnyuliweyo, endinokuthi ndimwise? ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundinika ixesha? Nguwuphi na umalusi onokuma phambi kwam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona, njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo eJordan, iye emadlelweni ahlala eyokozela, kuya kuba njalo ukuyigxotha kwam ngephanyazo kwelakowayo iBhabheli. Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku? Kakade ngubani onjengam onokumelana nam, ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?”