Jeremiah 50:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, ndiya kuyivusa, ndiyinyusele ngakuyo i‐Babilone, intlanganiso yezizwe ezikulu zivela ezweni lasenode; zaziya kuzicwangcisa ngakuyo; kwa kona iya kubanjwa; intolo zazo zoba njengezegoṙa elilumkileyo, e lingabuyi lizé.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, yabonani, ndixhoxha, ndinyuse, ndise eBhabheli isikhungu seentlanga ezinkulu, ziphuma ezweni lasentla, ziyakhele uluhlu. Iya kuthinjwa apho, iintolo zaso zibe njengezegorha eliligcisa, elingabuyi lilambatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba, yabonani, ndinyusa ibandla leentlanga ezinkulu ezweni lasentla, ukuba lihlasele iBhabheli; uya kuthatyathwa khona; Iintolo zabo zibe njengezegcisa; akukho namnye uya kubuya elambatha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba kaloku kwelasentla ndiya kuvelisa igqiza leentlanga ezinkulu; ndizifunzela eBhabheli. Ziya kuwacwangcisa amajoni, abe zizintlu zokulwa, ziyihlasele zivela ngasentla, ziyithimbe. Iintolo zabo ziya kuba njengamagorha anobuchule angabuyi elambatha.