Jeremiah 51:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kazimlisani intolo, zalisani amakaka; uyehova uvusile umoya wokumkani bama‐Medi; ngokuba iqinga lake lingakuyo i‐Babilone, ukuba ayitshabalalise; ngokokuba yimpindezelo kayehova, impindezelo yetempile yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khazimlisani iintolo, qubulani amakhaka; uYehova uxhoxhe umoya wokumkani bamaKaledi. Ngokuba umnkqangiyelo wakhe ukwiBhabheli, ukuba ayonakalise: ngokuba yimpindezelo kaYehova, yimpindezelo yetempile yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Danyaza iintolo; qokelela amakhaka; uYehova wawuxhokonxa umoya wookumkani bamaMedi, ngokuba umnkqangiyelo wakhe ukwiBhabheli, ukuba ayonakalise ngokuba yimpindezelo kaYehova, yimpindezelo yetempile yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ziloleni iintolo; qulani amakhaka! UNdikhoyo uxhokonkxe ookumkani bamaMedi, kuba unenjongo yokuba iBhabheli itshatyalaliswe. Yimpindezelo kaNdikhoyo leyo, impindezelo ngenxa yendlu yakhe.