Jeremiah 51:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova wemikosi uzifungile yena, ngokuti: Ngenyaniso ndokuzalisa ngamadoda njengeziboto, aeya kuhlabela umemezo lwokulwa ngakuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wemikhosi ufunge umphefumlo wakhe, esithi, Noko ndikuzalisileyo ngabantu, banga ziinkumbi ezinqunquthayo, kuya kususelwa ngawe ukwenziwa amayeyeye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wemikhosi wafunga ngaye, wathi, Inyaniso, ndiya kukuzalisa ngabantu njengeenkumbi; yaye baya kukhala ngawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo onamandla onke ufungile, ezifunga ngokwakhe, wathi: ‘Ndokutsho uzale ngabantu ngathi ziinkumbi. Iya kuba yimihelele bevuya ngenxa yokoyiswa kwakho.’