Jeremiah 51:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kuti umhlaba ungcangcazele, ututumbe; ngokuba amaqinga kayehova ngakuyo i‐Babilone eya kuma, okulenza ilizwe le‐Babilone ingcitakalo, lingenabemi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ihlabathi liyanyikima, liyazibhijabhija; ngokuba zenzeka kwiBhabheli iingcinga zikaYehova, zokulenza ilizwe leBhabheli kube senkangala, lingamiwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizwe liya kunyikima lize likhale, ngenxa yokuba lonke icebo likaYehova liya kuzaliseka nxamnye neBhabhiloni, ukuze ilizwe laseBhabhiloni libe yintlango, lingabi nammi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ihlabathi liyanyikima, liyazibhija-bhija, kuba uNdikhoyo uyaziphumelelisa izigqibo zakhe azigqibe ngeBhabheli. Ilizwe laseBhabheli ulenza libe yinkangala, lingabi samiwa bani.