Jeremiah 51:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Intombi yase‐Babilone ifana nesibaya sokubula, ngexesha lokunyatelwa kwaso; kuseko umzuzwana, kwandule ukufika ixesha lokuvuna kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Intombi eyiBhabheli injengesanda ngexesha lokugangathwa kwaso; kusaya kuba ngumzuzwana, lifike ixesha lokuvuna kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Intombi eyiBhabheli injengesibetho esi, lixesha lokuvuna; Kwaba mzuzwana ke, lafika ixesha lokuvuna kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Intombi eyiBhabheli injengebala lokubhulela ngexesha lokugangathwa kwalo; ngexesha elingephi wofika umhla wokuba kuvunelwe kulo.”