Jeremiah 51:41 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Injanina i‐Sheshaki ukubanjwa, nendumiso yomhlaba wonke ukutinjwa! Injanina i‐Babilone ukuba yinto yokutelwa nqa pakati kwezizwe!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hayi, ukuthinjwa kweSheshaki, ukubanjwa kweqhayiya lehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa ummangaliso kweBhabheli phakathi kweentlanga!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathatyathwa njani iSesage! Hayi, ukudunyiswa kwehlabathi lonke! Hayi indlela eye yamangalisa ngayo iBhabhiloni phakathi kweentlanga!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hayi ukuthinjwa kweSheshaki! Ibhongo lehlabathi lonke libanjiwe. Hayi ukwenziwa isothuso kweBhabheli phakathi kweentlanga!