Jeremiah 51:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Izixeko zayo ziba yingcitakalo, ilizwe elomileyo, nobala, ilizwe ekungeko namnye umntu ohlala kulo, nekungeko unyana womntu odlulayo pakati kwalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imizi yayo yaba ngamanxuwa, yaba lilizwe lomqwebedu nenkqantosi, lilizwe elingamiwe mntu, ekungadluli nyana womntu kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Imizi yakhe yaba linxuwa, yaba lilizwe lomqwebedu nenkqantosi, lilizwe elingumqwebedu, ekungacandi bani kulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iidolophu zayo ziya kukhal' ibhungane, ilizwe libe ngumqwebedu nenkqantosi, ilizwe elingamiwa mntu, ilizwe elingacandwa nangumhambi.