Jeremiah 51:44 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kumohlwaya u‐Bele e‐Babilone, ndiku̔pe oko akuginyileyo emlonyeni wake, ziti izizwe zingabuyi zele kuye; ewe, udonga lwe‐Babilone luya kuwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kumvelela uBhele eBhabheli, ndikurhole emlonyeni wakhe akuginyileyo; zingabi sasinga kuye iintlanga; nodonga lweBhabheli luya kuwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kumvelela uBhele eBhabheli, ndiyirhole emlonyeni wakhe into uyiseleyo; kwaye iintlanga aziyi kuba sahlanganisana kuye; Ewe, nodonga lwaseBhabheli luya kuwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kumohlwaya uBhele uthixo weBhabheli, ndimenze akuhlanze oko akuginyileyo. Iintlanga aziyi kuba saxhontelana kuye, nodonga lweBhabheli luya kuwa.