Jeremiah 51:46 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Maingabi butataka intliziyo yenu, ningoyiki kanjalo, ngenxa yeṙeto eliya kuviwa elizweni; ngokuba kuya kuza ng omnye umnyaka iṙeto, nasemva kwawo ng omnye umnyaka iṙeto; kwobako ubudlwengu elizweni, inkosi ngakuyo inkosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
hleze ithambe intliziyo yenu, noyike iindaba ezivakalayo ezweni. Ziya kuza nomnyaka iindaba ezo, emveni koko ngomnye umnyaka kuze iindaba ezo, kuze ugonyamelo ezweni, umlawuli ebambene nomlawuli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ize ingatyhafi intliziyo yenu, noyike iindaba eziya kuvakala ezweni; Kuya kubakho amarhe unyaka omnye, emva koko ngomnye unyaka kuze kufike amarhe nogonyamelo elizweni, umlawuli evukelana nomlawuli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Musani ukutyhafa okanye noyike xa nithe neva amarhe elizweni. Amarhe aya kulandelana minyaka le, amarhe ogonyamelo elizweni, amarhe okuvukelana kwabaphetheyo.