Jeremiah 51:57 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kunxilisa inkosana zayo, namalumko ayo, inkosi zayo, namagosa ayo, namagoṙa ayo; abaya kulala ubutongo obungunapakade, bangezi bavuke, utsho ukumkani, ogama li nguyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyabanxilisa abathetheli bayo nezilumko zayo, amabamba ayo neerhuluneli zayo, namagorha ayo; aya kulala ubuthongo obungunaphakade, angavuki: utsho uKumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyabanxilisa abathetheli bayo nezilumko zayo, nabathetheli bayo, nabathetheli bayo, namagorha ayo; baya kulala ubuthongo obungunaphakade yaye abayi kuvuka,” utsho uYehova ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuzinxilisa iziphathamandla nezilumko zayo, kwakunye neerhuluneli namagosa namagorha ayo. Baya kulala ubuthongo, bangavuki ngonaphakade.” Lowo ngumlomo weKumkani egama linguNdikhoyo uSomandla-onke.