Jeremiah 51:58 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Udonga lwe‐Babilone olubanzi luya kugqityelwa ukucitwa, namasango ayo amade aya kutshiswa ngomlilo; zaye izizwe ziya kuzamela okungento, zozam ela umlilo, zidinwe ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindonga ezibanzi zeBhabheli ziya kunqikwa kube kanye, amasango ayo aphakamileyo atshiswe ngomlilo; izizwe zizixhamlele okulambathayo, neentlanga zizixhamlele umlilo, zityhafe ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Udonga olubanzi lweBhabheli luya kudilizwa kuphele, amasango ayo aphakamileyo atshiswe ngomlilo; kwaye abantu baya kuzidlisa ilize, nabantu emlilweni, yaye baya kulamba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Luya kudilizwa ngokupheleleyo udonga lweBhabheli nangona lubanzi lunjalo. Amasango ayo aphakamileyo aya kutshiswa ngomlilo. Izizwe zifumane zabulaleka; imigudu yeentlanga ziinkuni zomlilo.”